Abel Camara of Guinea Bissau challenged by Themba Zwane of South Africa during the 2017 International Friendly match between South Africa and Guinea Bissau at the Moses Mabhida Stadium, South Africa on 25 March 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

IBafana Bafana izibethele iGuinea-Bissau ebigoloza ngo’3-1 kumdlalo wobuhlobo obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium ngale njikalanga. UMzantsi Afrika ufumene impumelelo yawo yokuqala kulo nyaka emva kwamagowuli amathathu afakwe nguKermit Erasmus phambi kokutshintshwa kwamacala, uPercy Tau no-Andile Jali kwisigaba sesibini somdlalo. UTau ubhalise igama lakhe ebhodini kumdlalo wakhe wokuqala njengomdlali weBafana Bafana. Nangona zilihambele kakuhle iqela lika-Owen Da Gama – kodwa zikhona iindawo ezisafuna ukulungiswa emdlalweni walo.

UMzantsi Afrika uye kwixesha lokuphumla unkqenkqeza phambili ngegowuli elinye elifakwe nguKermit Erasmus ngepenela. Nangona uThulani Hlatshwayo no-Eric Mathoho bebeyibambe kakuhle emva bencediswa nguTeboho Langerman noRamahlwe Mphahlele – kodwa kwimizuzu elishumi yokuqala bakhe baxikixwa ngabadlali beGuinea-Bissau. Iyenze lo nto nangona ibhola ibisoloko ikubadlali boMzantsi Afrika. UDean Furman, oqale umdlalo esebenza noKamohelo Mokotjo esiswini, uzamile uktyala iibhola ku-Erasmus, uThulani Serero noThemba Zwane ebingawona madoda ethembele ngawo iBafana Bafana phambili.

UKeagan Dolly noMphahlele kwicala lasekunene badlale kakuhle kwaye bebekwazi ukudlalisa uSerero noZwane kusetyenziswa isantya esiphezulu. Abadlali beGuinea-Bissau bebenikelana kakuhle xa bephethe ibhola kwaye lo nto ibibanika amandla xa besiya phambili – kodwa iibhola zabo bezikhawuleza ziqhawulwe yiBafana Bafana. Impazamo ekhokelele kwipenela efakwe ngu-Erasmus yiyo kuphela ethe yabenzela ingxaki, ngapha koko iindwendwe bezikwazile ukuwubamba uMzantsi Afrika kwisigaba sokuqala.

Pedro Maphelo's photo.

South Africa fans during the 2017 International Friendly match between South Africa and Guinea Bissau at the Moses Mabhida Stadium, South Africa on 25 March 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix


UPercy Tau, ongene endaweni kaKermit Erasmus, ufake igowuli ngomzuzu wamashumi amathandathu anethoba. Lo ibingumdlalo wakhe wokuqala kwiqela lesizwe uTau. Emva koko iBafana Bafana iquqe ibuyelela izama igowuli lesithathu. Unozinto woMzantsi Afrika kuye kwanyanzeleka asebenze ngomzuzu wamashumi asixhenxe ifolosi yeGuinea-Bissau ifikile. UKhune uyithathe ezinyaweni ibhola kuloo mdlali, wayichwethela kude waze omnye umdlali weGuinea wayikhabela phezulu. UBalde ufake igowuli leGuinea-Bissau emva kwebhola ethe gqi ekunxale, yibhola le ebhutyuzwe ngabadlali basemva beBafana Bafana.

Kuphantse konakala kwimizuzu embalwa phambi kokuphela komdlalo – kodwa uKhune wala izihlandlo ezibini. Kushiyeke imizuzu emibini, u-Andile Jali, ufake igowuli lesithathu leBafana Bafana kulo mdlalo emva kokuba kuwiswe uHlompho Kekana phakathi ebhokisini. Iinguqu ezenziwe ngu-Owen Da Gama kwisiqingatha sesibini zenze umahluko omkhulu. Kuye kwakho la nto ithi kufuneka siphumelele kumdlalo weBafana Bafana kwisigaba sesibini somdlalo. Nayo iGuinea-Bissau izamile kakhulu kwisigaba somdlalo. Igowuli layo lobika ekhaya ilifumene ngenxa yomizamo yayo kwisigaba sesibini.


Bafana Bafana: Khune, Mphahlele, Hlatshwayo, Mathoho, Langerman, Dolly, Mokotjo, Furman, Zwane, Serero, Erasmus.

Guinea-Bissau: Mabaye, Rudinilson, Soares Dabo, Lopes, Da Silva, Camara, Mendes Soares, Marinho Soares, Brito, Agostinho, Piqueti.