Amapolisa aseNyanga ave izithonga zompu,  ze aya kukroba nalapho afike afumana isithuthi esiluhlobo lweJetta emhlophe ime esitalatweni ucango lomqhubi luvuliwe.

Athe akusondela afumana imizimba yabantu abathathu, omnye kwisihlalo somqhubi,  omnye kwisihlalo somkhweli ecaleni komqhubi,  logama owesithathu ufunyenwe kumgama ozimitha ezimbalwa ukusuka kwisithuthi eso.

Ngokubalisa kwentatheli yethu u-Unathi Tuta kwinqaku lakhe, akukabanjwa mntu ngesi senzo. 

Le mifanekiso kwindawo yexhwayelo siyithathelwe yintatheli yethu uPhando Jikelo.