CLOSE X
Advertisement

Kuphangwe ikopolo yezigidi kwaEskom

Iindaba

 

 

Tell a friend
Ikopolo efunyenwe ngamapolisa emva kokuba ibiphangwe kwaEskom eQonce

Amapolisa aseQonce abambe avalela indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu emva kokuphanga kuxhotyiwe ze, yona namadoda amane, bathatha ikopolo exabisa ngaphaya kwezigidi ezilishumi elinesibhozo zeerandi.

 

Isithethi samapolisa uKapteni Nkosikho Mzuku, uthi olu phango lwenzeke ezinzulwini zobusuku bangoLwesithathu kwiziko lakwaEskom eliseQonce.

 

Lo kaMzuku uthi la madoda akhuphe imipu koonogada bakwaEskom, ze emva koko baphela enyanyeni nale kopolo (Copper) yexabiso elivisayo (R18.5 million).

 

“Le ndoda ibanjwe ngoLwesine ngethuba amapolisa ebesenza ugqogqo. Abanye abarhanelwa abane abakabanjwa, siyaqhuba nophando,” utshilo uMzuku.

 

Umkomishinala wamapolisa aseMpuma Koloni uLieutenant General Liziwe Ntshinga, uliqhwabele izandla inyathelo lamapolisa lokufumana le kopolo. 

Tell a friend
Advertisement
X