CLOSE X
Advertisement

Kuwongwa amagqala omculo kwii-SAMAs zalo nyaka

Iindaba
KULO nyaka kumawonga wama-23 weSouth African Music Awards [SAMAs] kuzakube kuwongwa abantu abaliqela, abohlukeneyo kwiqonga lezolonwabo.

Umlonjikazi weSoprano, uPretty Yende, uzakuthiwa jize ngewonga le-International Achiever Award kwiiSAMA 23 ngowe-27 kuCanzibe 2017.

Le ndondo ngeyokuqwalasela igalelo lakhe kwiqonga lehlabathi. UYende, intombi yasePiet Retief eMpumalanga, kuthiwa ngomnye weemvumi eziphambili kumculo weOpera kweli loMzantsi Afrika.

Tell a friend
Umlonjikazi weSoprano uPretty Yende

UYende uthwele isidanga kwiziko lemfundo iSouth African College of Music eKapa, waze wathabatha inxaxheba kwinkqubo yeemvumi eziselula eLa Scala e-Italy.

Ngaphandle kokukhwela kumaqonga ohlukeneyo kwilizwe lase-Europe naseMelika, uYende wabelane ngeqonga namagqala kumculo we-opera afana nooAndrea Bocelli. Kunyaka uphelileyo, ukhuphe icwecwe lakhe lokuqala elibizwa A Journey.

Ukhe wavela kwiinkqubo ezifana ne-The Late Show with Stephen Colbert nakwiWendy Williams Show ukubalula kwizinto eziliqela.

Ukanti akuphelelanga apho, amagqala omculo kwiinkalo ezohlukeneyo nawo azakuqwalaselwa - iQueen of Gospel uRebecca Malope, uDon Laka kunye noBabsy Mlangeni bazakuwongwa ngeLifetime Achievement Award.

Ephawula, iCEO yeRiSA [ eququzelela la mawonga] uNhlanhla Sibisi: “Singabaququzeleli siyawahlonipha kakhulu la mawonga. Sikholelwa kwelokuba amagqala ethu akhonze eli qonga ngokungenamlinganiselo, asinika umculo ongabuniyo kufanele angalityalwa yimbali.”

Ii-SAMAs zizakusasazwa ngqo kwiSABC 1 ngemini yomsitho. USomizi Mhlongo noTumi Morake ngabo abazakuphathela ukusuka nokuhlala kwala mawonga.

[email protected]

Tell a friend
Advertisement
X