USiphelele Ntshangase, exhagwe nguBobby Motaung noKaizer Motaung, ngumdlali omtsha weChiefs. Umfanekiso: Chiefs

Iziqwayi zabadlali zigalelekile eNaturena. Amakhosi abhengeze ngokusesikweni uSiphelele Ntshangase noKabelo Mahlasela njengabadlali bawo abatsha. UNtshangase uthathwe yiKaizer Chiefs emva kweengxoxo ezinzima neBaroka FC ayidlalele isiqingatha sesizini yePSL ka-2017/18. Lo mdlali, onamashumi amabini anesiwe weminyaka, utyikitye isivumelwano sengqesho seminyaka emibini nesiqingatha izolo. Sekulithuba elide kakhulu uNtshangase esoyanyaniswa neChiefs – kodwa ekuqaleni kwale sizini kothuka abantu abaninzi ngethuba ethathwa yiBaroka FC kwiBlack Leopards.

Image may contain: 2 people, people smiling, people standing and indoor

Kanti izolo elinye, iChiefs ibhengeze uKabelo Mahlasela obedlalela iBloemfontein Celtic njengomdlali wayo omtsha. Yena lo mdlali kulindeleke ukuba ahlale iminyaka emibini enesiqingatha. Kwangaxeshanye iChiefs iboleke iCeltic umdlali wayo wasemva uLorenzo Gordinho. Kulindeleke ahlale kwiCeltic isizini enye kuphela. UMahlasela, 26, ukuvuyele kakhulu ukuya kwakhe eNaturena. “Eli ibiliphupha lam kwaye ndichwayitile kakhulu ukuba yinxalenye yeli qela. Kube luvuyo kum ukwamkelwa ngusihlalo, abaqeqeshi nabalandeli kweli qela,” utshilo uMahlasela.

Aba badlali babini bagaleleka emva kukaLeonardo Castro obedlalela iMamelodi Sundowns – ofike phambi kokuphela kuka-2017 kwiChiefs. Kulindeleke bancedise kakhulu iqela likaSteve Komphela esazama ukufumana indebe yakhe yokuqala njengomqeqeshi weChiefs emva kweminyaka emibini nesiqingatha. “Uxinizelelo luyinxalenye yokudlalela iChiefs, ndiyazi kakuhle lo nto. Into endinokabavuza ngayo abantu abenefuthe ekuzeni apha kukugcina abalandeli bonwabile,” utshilo uMahlasela.