UMFANEKISO: Nokuthula Mbatha

Abo bebesakuba ngooMongameli belizwe loMzantsi Afrika uThabo Mbeki kwanoKgalema Motlanthe abezi eMonti kwimibhiyozo yeminyaka elikhulu elinesithandathu yasekwayo iANC, utshilo uNobhala wombutho u-Ace Magashule.

UMagashule uxelele oonondaba kwibala lezemidlalo iBuffalo City ngoLwesihlanu ukuba bebezikhuphile izimemo eziya kuMbeki noMotlanthe. “Ngelishwa sifumene okokuba abezi bobabini, kuba bangaphandle kwemida yeli lizwe,” utshilo uMagashule.

Ebuzwa ukuba akubaxhalabisi oku, uMagashule akakhange awungqale ngempendulo lo mbuzo, uye waphelela nje ukuthi bazakuhlala bethetha nazo ezi nkokeli zimbini.

Lo kaMagashule ukwathe basikhuphile isimemo kuMongameli welizwe uJacob Zuma “futhi singaqiniseka ukuba uzakuba nathi [uZuma] ngoMgqibelo”.