Imvumi yomculo wegospile yaseNgqamakhwe uSiyanda Dyonase
Imvumi yomculo wegospile yaseNgqamakhwe uSiyanda Dyonase
UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES
UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES
Imvumi yegospile yaseNgqamakhwe uSiyanda Dyonase ucela iivoti eluntwini kulandela ukuchongwa kumawonga e-Independent National Gospel Music Awards (INGOMA) azakube ebanjelwe eGoli ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kule nyanga sikuyo.

UDyonase uchongwe njengeBest Male Artist ngecwecwe lakhe elithi “Unjalo Unkulunkulu”.

Uthi ukuchongwa nje kwakhe kuthetha lukhulu kuye kuba oku kubonisa ukuba umculo wakhe uyaqatshelwa.

“Kubonisa ukukhula kwam ngokwenkolo, kukwabonisa ukukhula emculweni apho kubonakalisa ukuba ukwizinga elingcono kwa ukuba ndichongwe,” utshilo uDyonase.

Ngomhla weshumi elinesithathu kwiCawe esijonge kuyo uzakube ebhiyozela usuku lwakhe lokuzalwa kwiholo yoluntu kwidolophu yaseGcuwa, apho uluntu luzakube lungena simahla, nazakube ebhiyoza nabantwana abakhubazekileyo bekhaya elikwilokishi yaseMchubakazi eGcuwa.

“Ngokubhiyoza nabantu usuku lwam lokuzalwa ziinzame zokugaya inkxaso kubo ekubeni bandivotele. Kuzakube kungenwa simahla, umntu ndifuna ngemali le ebezokungena ngayo avote,” utshilo uDyonase.

Imvumi eyaziwayo uBetusile Mcinga, iimvumi eziphuma eNtshona Koloni, eThekwini nezaseGcuwa zilindelekile kulo mbhiyozo.

Izithethi eziphuma kurhulumente zikwalindelekile. Ukuba ufuna ukuvotela uDyonase, cofa Best Male Artist Siyanda uthumele ku 40439.

[email protected]