Iiplastiki ezibiweyo zibhaqwa ngamapolisa. UMFANEKISO: Amapolisa

IZA kuvela phambi kwenkundla yamatyala yaseMonti kungekudala indoda enamashumi amane anesibhozo (48) eminyaka ubudala emva kokuba ibanjwe ngamapolisa aseScenary Park ineeplastiki zakwamasipala ezimnyama zokufaka inkunkuma. 


Le ndoda ibanjwe ngoLwesine.

 

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uWarrant Officer Hazel Mqala, amapolisa alandelele umkhondo emva kokukrotyiswa ngabahlali ukuba iveni etshone ngase-Amalinda ilayishe iiplasitiki zakwamasipala.

 

UMqala uthi emva koko amapolisa aleqile, ayimisile iveni acela ukugqogqa ngasemva kuyo, nalapho aye afumana iiplasitiki eziliqela zakwamasipala. 


Umrhanelwa uye wabanjwa ngamapolisa ngokufunyanwa enempahla ngokungekho semthethweni. Uyavela kwinkundla yamatyala kungekudala.