Kubhubhe indoda kwaze konzakala enye indoda kwingozi yemoto eyenzeke kuhola wendlela uN2 kufutshane nelali yaseMooiplaas kusasa ngoMvulo. 


Isithethi samapolisa aseMonti uNkosikho Mzuku,  sidiza ukuba unobangela wengozi le yokungqubana kweemoto  ezimbini awukaziwa usaphandwa ngamapolisa.

 

UMzuku uthi  ixhoba eli libhubhileyo liqikelelwa kumashumi amathathu eminyaka ubudala. 


Owonzakeleyo ubalekiselwe kwisibhedlele esiseMonti.


UMzuku uthi ityala lokubulala livuliwe kwaye kuphandwa ngonobangela  wengozi.